

i
Ulixhego elikrelekreie namhlanje. U-Bra Doc wayengu- clever nomfo osemgangathweni ngeminyaka yobutsh bakhe. Abantu ababengabahlobo bakhe baquka uDoIIy Rathebe, uSophie Mgcina, uWinnie Mahlangu nabanye abantu abaphambili ababethandwa ngabantu.



Babembalwa abantu ababecinga ukuba iza kuphumelela IBONA xa yayiqala ukushicilelwa ngo-1956. Yayibekwa amagxeke, uninzi Iwee-high societies noo-Scuse Meees besithi yimagazini ephantsi. Eyona nto babengayiqondi kukuba le magazini iza kubalasela okukaSamson waseBhayibhileni. lntatheli nomhlalutyi wezolonwabo osengudiza-dala uDOC BIKITSHA wayekho kuloo minyaka, kwaye usibalisela ngayo...



e inagazini ibhiyozela ukugqiba
minyaka engama-40 ishicilelwa kule nyanga. Ndandikho xa yayiqaliswa ukushicilelwa yaye ndikubona kuliwonga ukucelwa ukuba ndiyibhalele xa ibhiyoza.
Akuthandabuzeki ukuba ngendlela ebiqhuba ngayo kwiminyaka edlulileyo iseza kuba nempumelelo nakwiminyaka engama-40 ezayo! Injongo yokubhala kwam eli nqaku kukuba ndikubalisele ngeZolonwabo zeBONA ukususela ngo-1956.
Xa yayiqaliswa yayifumana amagxeke amaninzi kwiimagazini ezazikhuphisana nayo okuba iza kutshabalala kungekudala. Eyona nto babengayazi abo bagxeki nabaprofethi babumini kukuba akunakuyazi into efunwa ngabantu. Ezinye zeemagazini ababezigwagwisa ngazo akukho nto yazo kanti ezinye azisabonwa nangetshengele. Zazingafundwa ngabantu, kodwa iBONA eyathi gqi mva neyayibizwa ngokuba yimagazini yabantu abaphantsi ibe nempumelelo engummangaliso yaye ibhiyozela loo mpumelelo namhlanje!
Ndilusizi xa ndicinga ngezinye iintatheli ezaziyisebenzela nzima le magazini kwiminyaka edlulileyo. Akukho nto yanelisayo nevuselelayo njengokubona impumelelo yeqabane Iakho.
Ngaloo minyaka zazivana iintatheli










Elinye lamagqala kwiintathell eziNtsundu, uDoc Bhikitsha, umhlalutyi wezolonwabo, ngoku udla umhlalaphantsi yaye wazithenge!a ifama kufutshane naseRandfontein apho wazalelwa khona, ufuylle kuyo kanti ubhala nangezinto zakudala. UDoc usayibhalela iSunday Times ngamaxesha athlle, nekuliphepha-ndaba owayesebenza kulo ngaphambi kokuba athathe umhlalaphantsi. Jonga ingqokelela yamacwecwe akhe abonakala ngasemva...


zamaphepha-ndaba nezeemagazini. Ndandisenziwa seso sizathu ukuba ndibhalele iBONA kwiininyaka eyadlulayo. Mfundi, uya kundixolela ngokuphuma emxholwem kodwa ithuba elinje lifika kanye ebomini ebantwini abangangam. Ndiza kubhala ngezolonwabo emva kokuba ndikhe ndakukhumbuza izinto ezimbalwa zakudala.
Xa iiofisi zeBONA zazikufutshane
neMilpark Holiday Inn nakwaSABC,
IBHI YOZELA
IM PUM ELELO
IMAGAZINI EYAYIJONG ELWE PHANTSI!


	UDorothy Masuka -enye yeembalasane zoo-1950 esabalaseleyo nanamhlanje.
ndandinabahlobo ababesebenza khona. Uwilliam' Bill 'Hlatshwayo uGodwin Mohlomi, uJoe Motsiri, uA1f  Gwebu, uVincent Ntuli, uRoosevelt Bishop Fani noFather Stephen Montjane, xa ndibala nje abambalwa.
Abanye abahlobo bam nguDaizer Mqhaba ongumhleli omkhulu wale magazini noPrimrose Williams endimazi ngokuthetha naye emnxebeni. UDaizer undenza ndizibambe ngeenkophe iinyembezi. Ndimkhumbula esemtsha kwiminyaka engama-20 adlulileyo, engena eofisini yam eRand Daily MaiI eMain Street, eJohannesburg. Wayesandu1 ukuqalisa ukuba nguMququzeleli weZolonwabo engekabi namava yaye efuna amajelo eendaba amncede ukuze aziwe.
Kwakunzima ngaloo minyaka yaye ndathi ndiqala ukumbona ndambona ukuba ungumfo onesiphiwo. Ndikhumbula ndimqinisekisa ukuba uza kuphumelela ngenye imini, kwaye ngenene uphumelele! Ndineqhayiya ngempumelelo yakhe kuba ndaba nega1elo elikhulu kuyo. Nangona ngoku uDaizer ezinze eThekwini ungowaseKatlebong eGauteng, ekuyilokishi ebafunayo abantu

















abanjengaye. Ndifanele ukwazi kuba nam ndandihlala khona.
Mandibuyele emxholweni. Iminyaka yoo-1950 yaba yeyokuqala kwimpumelelo yabantu abantsundu. Siyithatha ngokuba yeyona minyaka yolangezelelo lokuphumelela kubugcisa, imidlalo, ipolitiki, ushishino nokuzama ukuphila. Sisenokuba asizange sifumane izinto ezinku1u, kodwa senziwa isiseko sokuqonda nesokuzibonakalisa.
IBONA yaqaliswa ngenxa yezo nzame zokuzama ukunyusa umgangatho. Kwakukho ezinye iimagazini ezazingaphambi kwayo njengezonke, iDRUM AFRICA nezinye iimagazini. Sasikho isithuba senye imagazini, yaza iBONA yavala eso sithuba!
Omnye wabahlalutyi bejazz negqala kwiintatheli ezintsundu, uMike Tshehla Phahlane, obizwa ngokuba ngu-Mazurkie uhlala eSterkfontein, eKrugersdorp. Wandifundisa izinto ezininzi ekucholacholeni iindaba. Wayephangela kwimagazini iZONK ukususela ngo-1 943 xa umhleli wayo kwakuriguJohn Lee. U-Ike Brooks wayengumnini wayo. UMazurkie uyakwazi ukuqaliswa kweBONA yaye wayenega1elo kumakhasi ayo olonwabo. Uthi iintatheli zakudala zolonwabo zeBONA zaziwenza kakuhle umsebenzi wazo yaye zazizazi izinto zolonwabo eziqhubeka eJohanneburg nakwezinye iindawo.
UMnu. Godwin Mohlomi, enye intatheli edla umhlalaphantsi neyayingumhleli wesiSuthu weBONA wakhe wathi kum: Zonke iintatheli zazinegalelo kumakhasi obugcisa ngaphandle kwabaguquli. Sifanele sikhumbule ukuba nangona wawuthandwa umculo wasentshona, wawusathandwa nomculo weekwayala.
Ndisoloko ndisitsho ukuba sasithanda urnculo weekwayala nowakwaNtu ngaphambi kokuba sithi phithi yijazz. Umcu1o wethu wakwaNtu waba negalelo ekwakheni olwethu uhlobo lwejazz -uMbhaqanga, iTownship Jazz, aMarabi, iKwela nezinye iindidi zomculo. Ngaphambi kokuba sithethe ngeendidi zomculo ezithandwayo, makhe sithethe ngomculo weeKwaya1a. Kwakubhalwa kakhulu ngawo kwiBONA ngaphezu kwayo nayiphi na enye imagazini.
Umculo weekwayala kwakungowona ubalulekileyo kwisithethe sethu. Ukususela ngoo-1920 ukuya koo-1940, wawubhalwa ngabefundisi nangabantu bemfundo. Ngoo-1950 zazininzi iikwayala zezikolo nezeecawe. I-Eisteddfords eyayiphantsi kweTransvaa1 United African Teachers Association (TUATA) neminye imibutho yemfundo yayineekwayala ezaziphambili ngoko de kube ngoku!
Oko kundikhumbuza ulonwabo
IBHIYOZELA
IM PUMELELO
IMAGAZINI
EYAYIJONGELWE
PHANTS1!

olwaluqhutywa ngalo olu khuphiswano kwiindawo ngeendawo! Loo maxesha yayingawokudibana kweentsapho. Iminyhada1a yomcu1o weekwaya1a isathandwa nangoku yaye kubakho abantu abaninzi kuyo. Ukubala iikwayala nababhexeshi abahlukeneyo ngumsebenzi onzima. Ngoku kuthi qatha iSophia Town engqondweni. Kwakuyindawo ekwakuthandwa umculo wa1a maxesha kuyo. Babeh]ala apho abantu abaneziphiwo, kodwa ezo ziphiwo zazivezwa esixekweni (ejozi, eMshishi, eMjibha, eTJ - ayemaninzi amagama eyayibizwa ngawo ijohannesburg). IBantu Mens Social Centre (iBMSC), iRitz, iPolly Street nezinye iindawo wawubona zineemvumi ezinesiphiwo ezilokishini.
Iimpembelelo zasemelika zenza kwathi gqi amaqela entambula anjengeThe Harlem Singers, iElite Swingsters, ijazz Maniacs, iCity Jazz Nine, iShanty Town Sextet, iChisa Ramblers, iNu-Symphonics yaseBloemfontein, iSharpetown Swingsters namanye eendawo ngeendawo zeli. Kwakukho namaqela anjengelnkspots, iManhattan Brothers, iCuban Brothers, iLo Six, iWoody. Woodpeckers, iKatzenjammer Kids, iGay Gaieties, iMahotella Queens, iDark City Sisters neQueen Sisters.
Iimvumi eziphambili nazo zazikho njengoDolly Rathebe, uDorothy Masuku, uLetta Mbulu, uMartin Mdenge,
uThandi Klaseen, uAbegail Kubheka, uLouisa Emmanuels noSophie Mgcina. Oko kwen.za waphucuka umculo nomdaniso.
Enye into eyayibalasele mandulo. yimidlalo yeqonga eyayinomculo, njengeKing Kong, uNongogo, uD.ingaka, uPhiri, ulpi Ntombi, uBack Of Your Own Backyard, uMkhumbane, uSponono neminye yathi gqi iphenjelelwa yiUnited Artists eDorkay House.
Ukuthetha ngeDorkay House eEloff Street eJozi kufuna ingqa1elo engaphezulu kwale. Kwesi sakhiwo kwakukho neAftican Music Drama Association (iAMDA) yaye yayisebenzisana le mibutho. Kwakulapho aphumelela khona umntu ofundiswe yiAMDA. Abanye bababhali abaphambili bemidlalo yeqonga ngaloo minyaka kwakunguGibson Kente, uSam Mhangwani, uBoykie Moh1amme, uDukuza kaMacu, uBasil Somhlahlo, uWalter Chakela, uArthur Msimane noTodd Matshikiza. Ababhali bemidlalo ehlekisayo kwakunguVictor Mkhize ongasekhoyo noLouis Petersen.
Ngaloo minyaka kwakungekokujuxuza, ijazz nomculo weekwayala owawunenkqubela. IBallroom Dancing nayo yayithandwa kakhulu ngabanye abantu. Kwavulwa izikolo ezifundisa iBa1lroom Dance kwilokishi yonke.
Eyona nto yayiyenza ithandeke kukuba yayisenziwa nokuba ngabantwana abangakanani. Izibhedlele zazidla rigokuba nokhuphiswano Iwayo. Ngubani onokulibala iBaragwanath, iYMCA, iDonaldson Community Hall, iWits Great Hall, iflenoni Davey Social Centre, iBMSC, iRitzWall nezinye iindawo zembali ekwakusenzelwa kuzo ukhuphiswano?
Ukususela ngoo-1970 de kube ngoku, izinto zatshintsha mpela kwezolonwabo. Abantu baqalisa izinto ezintsha baziqambela nemiculo yabo. Bazilahla iimpembelelo zaseMelika emculweni wabo. Oko kwakubangelwa yimibutho yabantu abantsundu ababezingca ngebala labo (iBlack Consciousness Movements)!
Saqonda ukuba sifanele sizenzele ezethu izinto. Ukuzama ukunciphisa iindidi zomculo ezintsha kuya kufuneka kulinde xa iBONA ibhiyozela ukugqiba iminyaka engama-80! Bekumnandi ukubha1a ngamaxesha amandulo kweli nqaku. Andinagunya lezinto endithethe ngazo kulo kodwa lenzelwe ukuvuselela abantu ukuba bathethe ngezo zinto. Amagqala aza kufunda eli nqaku aza kuligqibezela yaye ongeze ezinye izinto kulo. Kaloku singabantu abathandayo ukuba1isa iintsomi!
HAPPY 40th ANN1VESARY, BONA!!! I



22 BONA XHOSA - September 1996

		BONA XHOSA - September 1 996 23

24 BONA XHOSA - September 1996

